Ngokungengathi ukunqatyelwa yimilo akonelanga, ngoku intshatsheli yoMzantsi Afrika kwicandelo labasetyhini kudidi lwejunior-heavyweight uRazell Mohamed ubenelishwa lokophuka umlenze. 

Lenzalelwane yaseGqeberha engumfundisi-ntsapho kwisikolo i-Ankervas Primary eKariega kwiNelson Mandela Bay Metro, idize ukuba yophuke kathathu emlenzeni emva kokuwa ngoLwesibini. 

“Bendihamba kwizitephusi ezinemingxunya, ndaze ndabhetyeka iqatha, ndayokuwa ngomqolo. Imbi kakhulu lento kuba iqatha lam lophuke ngaphandle nangaphakathi nomlenze wophukile,” udize watsho uMohamed.

“Yonke lento yenzeke esikolweni kusasa ngoLwesibini. Umnqa ke kukuba bendisandula ukubuyokuzilolonga ngalantsasa ngaphambi kokuza esikolweni.”

UMohamed sele eneminyaka emithathu wagqibela ukulwa apha ekhaya. Wagqibela ukulwa eMzantsi Afrika ngethuba wayekhusela intshinga yakhe ngempumelelo kumlo noRolen Mulebo eNangoza Jebe Hall, eNew Brighton, eGqeberha, ngo-Agasti 2022. 

Ukanti, ugqibele ukulwa mhla wayebethwa ngummi waseNew Zealand uLani Daniels kumlo wentshinga ye-International Boxing Federation (IBF) kwicandelo labasetyhini kudidi lwanzima ngo-Agasti 2023. 

Kwimilo yakhe emithandathu kudidi lwabahlawulwayo, uMohamed ulwe neembethi-manqindi ezine, kwaye wabetha uLilian Molala izihlandlo ezintathu. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php