ULonwabo Witbooi utyhalela ekubeni uBoxing South Africa (BSA) anyanzelise intshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight uSiseko Teyisi ukuba akhusele intshinga yakhe ku-Athenkosi Thongwana kumlo wakhe olandelayo. 

Njengokuba engumphathi kaThongwana, uWitbooi ukhumbuze uBSA ukuba uTeyisi unoxanduva lokokuba akhusele ngokusisinyanzelo njengokuba liphele ngomhla weshumi elinanye kuJulayi ixesha lokuzikhethela ukuba ulwa nabani na. 

UWitbooi ukwenze oku emva kokuba kuthe kwabakho umnqweno wokokuba uTeyisi waseMdantsane alwe no-Elmar Zamora wasePhilippines kumlo wentshinga engenamntu kwi-IBF Intercontinental kudidi lwejunior-flyweight ngeCawa umhla wamashumi amabini anesibhozo kuSeptemba, endaweni yokukhusela isithsaba sakhe soMzantsi Afrika. 

UTeyisi uyikhusele kanye intshinga yakhe yoMzantsi Afrika, ebetha u-Abongile Jacob ngo-Epreli ukususela mhla wayiphumelela ngokubetha uMfanuvele Ntuli ngoDisemba.   

“We submitted a challenge form to BSA on the 17th of July challenging Teyisi. We reminded BSA that we still want to fight against him,” Witbooi said. 

I-Ink Sport sele ifumanise ukuba ikomiti evuma nekhaba imilo kwaBSA ayikhange iyivume itumente yangeCawa umhla wamashumi amabini anesibhozo kuSeptemba. Eliyinene lelokokuba akukho kwanesicelo esifakiweyo kuBSA malunga nokwenza itumente ngalomhla. 

Kusenjalo, uThongwana wsseDuncan Village, eMonti, ufuna ukuzama ukuphumelela lentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight isihlandlo sesibini njengokuba wawa nganeno kumzamo wakhe ngoMatshi 2023. 

UThongwana wabethwa ngowayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika uMpumelelo Tshabalala, oyinjinga ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwejunior-flyweight. 

Lomfana oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu nobekwa kwindawo yokuqala kuluhlu lukaBSA, uyiphumelele yomibini imilo yakhe yokugqibela ebetha u-Akhona Msindeli ngoMatshi noLuyanda Kwankwa ngo-Okthobha nyakenye. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php