Umlo kaSiyakholwa Kuse kunye nentshatsheli yeWorld Boxing Council (WBC) kudidi lwestrawweight uMelvin Jerusalem uzakubayinxalenye yetumente yokukhumbula iThrilla in Manila yango-1975 kwelasePhilippines. 

IThrilla in Manila yayinomlo ophambili kudidi lwanzima phakathi kwabangasekhoyo uMuhammad Ali noJoe Frazier eQuezon City ngo-Okthobha 1975. U-Ali waphumelela emva kokuba ikona kaFrazier yamisa umlo xa kanye kwakuzakuqala umjikelo weshumi elinesihlanu. 

Umlo kaKuse noJerusalem uzakwenziwa yiMP Promotions kaManny Pacquiao, owayeyinjinga yehlabathi, kusuku olungekachazwa ngo-Okthobha. 

“Lithuba elihle nelikhulu kakhulu eli,” utshilo uRodney Berman, ongumqondisi weGolden Gloves, ngethuba ethetha ngomlo kaKuse noJerusalem.

UKuse, obethe uSamuel Salva wasePhilippines ngoMeyi, uyiphumelele yomithandathu imilo yakhe yokugqibela. Wagqibela ukubethwa ngethuba ehluthwa intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight nguBangile Nyangani waseMthatha eMonti kwisithuba esingaphaya kweminyaka emine. 

Lenzalelwane yaseMdantsane yazibuyisa izitya, icokisisa uNyangani ukumbetha oku, waze wayizuza kwakhona intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight e-International Convention Centre (ICC), eMonti, ngoJulayi 2023. 

UKuse uphumelele iintshinga ezintathu – eyoMzantsi Afrika, eye-African Boxing Union (ABU) neyeWBC Silver kudidi lweminimumweight – kwimilo yakhe emithandathu yokugqibela. 

Kusenjalo, abalandeli bamanqindi baseMzantsi Afrika bazakukwazi ukumbukela uKuse xa esilwa noJerusalem emva kokuba uBerman enze unakho nakho, waze wafumanela uSuperSport amalungelo okuveza lomlo. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php