Ayizange ithi qatha engqondweni kaSiyakholwa Kuse, owayeyinjinga yoMzantsi Afrika, ingcinga yokokuba uzakucela umngeni kwintshinga yehlabathi ungekapheli lonyaka.
Nento yokokuba uzakucela umngeni kwintshatsheli yeWorld Boxing Council (WBC) kudidi lwestrawweight uMelvin Jerusalem wasePhilippines eQuezon City, eManila, ngoLwesithathu umhla wamashumi amabini anethoba ku-Okthobha, yamothusa uKuse, owayelungiselela umlo nomnye ummi wasePhilippines uJoey Canoy.
Ngoku uKuse uzakulwa noJerusalem kwitumente ezakwenziwa yiMP Promotions, tumente leyo ekhumbula iThrilla in Manila yango-1975. IThrilla in Manila yayinomlo ophambili kudidi lwanzima phakathi kwabangasekhoyo uMuhammad Ali noJoe Frazier eQuezon City ngo-Okthobha 1975.
UAli wawuphumelela lomlo lowo emva kokuba ikona kaFrazier yawuphelisa xa kanye kwakuzakuqala umjikelo weshumi elinesihlanu.
“Ndivuya kakhulu ukufumana ithuba elinje. Le, yinto ekukudala ndiyiphupha. Akusekho ukubuyela emva ngoku,” itshilo lentshatsheli yamhlamnene eMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight.
“Eneneni, andizange ndiyicinge into yokokuba elithuba lingafika msinyane kangaka. Ndandicinga ukuba ndizakuyilwela kulonyaka ozayo intshinga yehlabathi. Ndifuna ukuphumelela ukuze ndenze imbali ngokuzisa intshinga yehlabathi yeWBC eMpuma Koloni.”
UKuse, obethe ummi wasePhilippines uSamuel Salva ngoMeyi, ulwe kakuhle kakhulu kwimilo yakhe emithandathu yokugqibela. Waphumelela intshinga yoMzantsi Afrika, eye-African Boxing Union (ABU) neyeWBC Silver kudidi lweminimumweight.
UKuse wagqibela ukubethwa ngethuba ephulukana nentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight emva kokubethwa nguBangile Nyangani waseMthatha eMonti kwisithuba esingaphaya kwwminyaka emine. Kodwa, uKuse wazibuyisa izitya, ecokisa ukubetha uNyangani e-International Convention Centre (ICC), eMonti, kuJulayi 2023. – Monwabisi Jimlongo