Uzakubuyela eqongeni okokuqala omnye weembethi-manqindi ezindala eMzantsi Afrika ukususela mhla waphulukana nentshinga yehlabathi ngoMatshi kulonyaka.

Emva kokuphulukana nentshinga ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwempukane ngethuba ebethwa nguRicardo Malajika e-Emperors Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, ngoku ummi waseTembisa uJackson ‘M3’ Chauke uzakulwa noNkosingiphile Sibisi kulenyanga ezayo.

UChauke noSibisi bazakulwela intshinga yeWorld Boxing Council (WBC) International kudidi lwempukane kwiholo yedolophu yase-Estcourt, KwaZulu-Natal, ngomhla weshumi elinanye ku-Okthobha.

Eqinisekisa ngalomlo, umqeqeshi kaChauke, uDamien Durandt uthethe wathi: “UChauke uyalwa ngomhla weshumi elinanye ku-Okthobha e-Estcourt, esilwa noSibisi. Lo ngumlo weWBC International kudidi lwempukane.”

UChauke, oneminyaka engamashumi amane, ubethwe kabini kwimilo yakhe emine yokugqibela njengokuba sele ephumelele imilo engamashumi amabini anesine, enqumamise amadoda alishumi elinesihlanu, wabethwa kathathu, waze walwa ngokulingana kwemibini.

Kusenjalo, uSibisi yintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwempukane, kwaye sele eyikhusele ngempumelelo kabini lentshinga, ebetha uZolile Miya noTheo Nxayiphi.

USibisi waseGlencoe, KwaZulu-Natal, ukakabethwa njengokuba eyiphumelele yolishumi imilo yakhe, enqumamise amadoda amabini. – Monwabisi Jimlongo

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php