Emva kokonzakala kukaBeaven Sibanda, ngoku umlo kaKaya Mlata no-Ardy Katompa waseDemocratic Republic of Congo (DRC) nguwo ophambili kwitumente yeGolden Gloves ebutsheni benyanga ezayo.

USibanda, obezakukhusela intshinga yakhe ye-IBF International kudidi lweminimumweight kumlo noJoey Canoy wasePhilippines e-EmperorsPalace, eKempton Park, Ekurhuleni, ngoMgqibelo umhla wesine ku-Okthobha, urhoxile kumlo emva kokonzakala emsipheni kumlenze wasekhohlo.

Lento ke ngoku ikhokelele ekubeni uMlata, ongekabethwa, afumane ithuba lokuphucula irekhodi lakhe elihle lempumelelo kwimilo esibhozo, enqumamise amadoda amane, njengokuba ezakulwa ngoKatompa kumlo weWorld Boxing Council (WBC) Youth kudidi lwejunior-featherweight.

“Sithabathe isigqibo kunye noogxa bethu beGolden Gloves ngenxa yobukhulu bomlo wentshinga yeWBC Youth phakathi kukaKaya no-Ardy ukuba lomlo siwuse kwitumente yeGolden Gloves yango-Okthobha. Ziindaba ezimnandi kuthi ezo, ziindaba ezimnandi kuKaya no-Ardy,” utshilo uMatthew Leisching weML Boxing Manaament. 

UMlata, oneminyaka engamashumi amabini anesine, yintshatsheli yaseNtshona Koloni, kwaye ubekwa kwindawo yesithathu kuluhlu lodidi lwejunior-featherweight eMzantsi Afrika. 

Onkaba iKwaBhaca kwiphondo leMpuma Koloni, uMlata ubethe uSaul Hlungwani ebutsheni benyanga ephelileyo. Loompumelelo leyo yeza emva kokuba uMlata wayebethe intshatsheli yamhlamnene eMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight uSabelo Ngebiyane ngo-Epreli kulonyaka. 

Ngo-Okthobha nyakenye uMlata wabetha uSiboniso Gonya, kwakhe wazama ukuphumelela intshinga yeWorld Boxing Organisation (WBO) kudidi lwentambanani. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php