U-Ayabulela Xatyana ufuna ukuqhubela phambili namanqindi akhe nanjengokuba ecela umngeni kuSanele Magwaza, oyinjinga kudidi lwejunior-featherweight eMpuma Koloni.

Ngoku uXatyana, oqeqeshwa e-International Boxing Academy kwilali yaseNcera, eKiddsbeach, ngaphandle kwaseMonti uzakulwa noMagwaza eGqeberha ngeCawa umhla wamashumi amabini anesihlanu ku-Okthobha.

“Umcelimngeni kaXatyana kwintshinga yaseMpuma Koloni uphunyeziwe nguBoxing South Africa. Lomlo uzakubaseGqeberha ngomhla wamashumi amabini anesihlanu ku-Okthobha,” uqinisekise watsho uVuyani Konzani, ongumqeqeshi kaXatyana.

UXatyana, obethe uCarlos Mahlathi eGuild Theatre, eMonti, ebutsheni benyanga ephelileyo, akakabethwa njengokuba eyiphumelele yomithathu imilo yakhe, enqumamise amaxhoba amabini.

“Umthelekisi kaXatyana nguMzi Booi, kwaye thina besifuna ibeyiKay B Promotions eyenza lomlo ngoNovemba. Kodwa ke emva kokuthethathethana negqiza likaMagwaza, baye bafuna ukusebenzisa umthelekisi wabo eGqeberha,” utshilo uKonzani.

Kusenjalo, Magwaza, owayeyintshatsheli yeWorld Boxing Federation (WBF) Afrika kudidi lwentambanani, waphumelela intshinga yaseMpuma Koloni emva kokunqumamisa uMbulelo Gwabeni kumjikelo wesibini eKariega kwingingqi yaseNelson Mandela Bay ngoFebruwari kulonyaka.

UMagwaza unamava xa ethelekiswa noXatyana njengokuba ephumelele imilo esixhenxe, enqumamise amadoda amabini, waze wabethwa kwimilo emine.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php