Umqeqeshi wamanqindi uSebastiaan Rothmann uyiqonda ngokupheleleyo into elindele imbethi-manqindi yakhe uJabulani Makhense njengokuba bezakundulukela eLithuania. 

UMakhense uzakunikela umva uMzantsi Afrika, antingele kwelaseLithuania ngeCawa eyokulwa nommi welalizwe u-Eimantas Stanionis eZalgiris Arena, eKaunas, ngoMgqibelo kuleveki ezayo.

“Siyahamba ngeCawa umhla wamashumi amabini ananye, kwaye umlo ungomhla wamashumi amabini anesixhenxe. Silwa nomntu owomeleleyo, oza phambili okokoko. Sinomsebenzi omkhulu ezandleni zethu. Wonke umntu uxhasa lomntu esizakulwa naye,” uphefumle watsho uRothmann.

URothmann, owayeyintshatsheli ye-International Boxing Organisation (IBO) neWorld Boxing Union (WBU) kudidi lwecruiserweight, udize ukuba uMakhense ebeziqeqesha nowayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight uNtethelelo Nkosi ngethuba elungiselela lomlo noStanionis. 

“Ahambe kakuhle amalungiselelo kaJabulani. Sibenethamsanqa lokuziqeqesha neembethi-manqindi eziliqela eRhawutini. Siye sagxila kakhulu ekuziqeqesheni noNkosi, olwa ngendlela efanayo noStanionis,” utshilo uRothmann.

URothmann uqukumbele wathi: “UJabulani akanaxhala lobunzima, kwaye yinto entle leyo. Andinaxhala lokwehlisa ubunzima bakhe njengokuba kusekwindla kwelaseLithuania. Inokuba kuyabanda phaya.”

UMakhense uzakube enyeke ukuphucula irekhodi lakhe xa esilwa noStanionis. UMakhense uphumelele imilo elishumi elinesithandathu, enqumamise amaxhoba asibhozo, wabethwa kwimilo emibini. 

Kwaye sele elwe kabini kulonyaka uMakhense, oneminyaka engamashumi amathathu anesibini. Ubethe uCharles Misanto noMaiala Antonio. 

Kusenjalo, uStanionis uzakulwa okokuqala kwilizwe lakhe lokuzalwa kususela mhla waqala ukulwa kudidi lwabahlawulwayo ngo-Epreli 2017.

Kwaye lo ngumlo wakhe wesibini kulonyaka njengokuba ebethwe nguJaron Ennis kumlo we-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwewelterweight kwiholo iBoardwalk, e-Atlantic City, kwelaseMelika kwiinyanga ezintlanu ezigqithileyo.

Lentshatsheli yango-2015 kwii-European Championships ibekwa kwindawo yesibhozo kuluhlu lweWorld Boxing Council (WBC), ize ibekwindawo yesibini kwiWorld Boxing Association (WBA).  

UStanionis, oneminyaka engamashumi amathathu ananye, uphumelele imilo elishumi elinesihlanu, wanqumamisa amadoda alithoba, wabethwa kumlo omnye. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php