Owayengumqeqeshi weMaritzburg United, uFadluraghman ‘Fadlu’ Davids, uqinisekisile emva kwemini ngoMvulo ukuba ulishiyile iqela eliphambili laseTanzania, iSimba SC.
UDavids, oyinzalelwane zyaseKapa, usendleleni eya eCasablanca, apho azakuzibandakanya khona neRaja Club Athletic kwiMoroccan Botola League.
“Kungentliziyo ebuhlungu ukushiya iSimba SC. ISimba izakuhlala isentliziyweni yam, iyinxalenye yam, kwaye ndiyinqwenelela impumelelo kunye neendebe ezininzi ukubheka phambili,” utshilo uDavids.
UDavids, oneminyaka engamashumi amane anesine, wazibandakanya neSimba kulonyaka ophelileyo emva kokusebenza njengosekela-mqeqeshi kwiRaja.