Njengokuba iminyaka emithathu iphele kulenyanga ephelileyo, iNational Professional Boxing Promoters Association (NPBPA) icele intlanganiso kunye noBoxing South Africa (BSA).

Ezindaba zakutsha nje zivezwe kwi-InkSport yingqonyela kaBSA uTsholofelo Lejaka.  

“Ngakwicala likaBSA, singaqinisekisa ukuba sifumene isicelo sisuka kunondyebo wePromoters Association uMnumzana uKaya Majeke ecela intlanganiso kunye nathi,” utshilo uLejaka.

“Lentlanganiso izakusichazela banzi malunga nobume bombutho wabo kunye namacebo ngenkomfa yabo. Ngoko ke, siyilindele intlanganiso kuba yiyo ezakusivumela ukuba sikwazi malunga nokwenzekayo ngaphakathi kulombutho.” 

Iqoqo elilawulayo kwiNPBPA nelikhokelwa ngu-Ayanda Matiti  njengosihlalo walo, lonyulwa kwinkomfa yolonyulo eThekwini ngomhla wamashumi amabini anesibini ku-Okthobha 2022. 

ULebo Mahoko lonyulwa njengesekela likaMatiti, logama uZandile Malinga wonyulwa njengonobhala encediswa nguPhathutshedzo Dongola, waze uKaya Majeke wonyulelwa kwisikhundla sokuba ngunondyebo. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php