Utshintshiwe umhla womlo olandelayo kaNhlanhla ‘Mount Kilimanjaro’ Tyirha, apho azakulwa khona nommi wasePhilippines u-Arnel ‘The Sniper’ Lofranco.

Ngokomnatha we-International Boxing Federation (IBF), lomlo ozakubanjelwa eKenilworth Racecourse, eKapa, ususiwe kuMgqibelo umhla wesithandathu kuDisemba wasiwa kwiCawa yomhla weshumi elinesine kuDisemba.

Lomlo wentshinga engenamntu kwi-IBF Intercontinental kudidi lwemini-flyweight sizakuwuphathelwa yiGround Up Sports Promotions kaLoyiso Magqaza.

Njengokuba wayebekwa kuluhlu lweembethi-manqindi ezilishumi elinesihlanu eziphambili kwimibutho yamanqindi emine ephambili ehlabathini, kulindeleke ukuba uTyirha, oyinzalelwane yaseMdantsane, axomolozele ukubuyela kumanqwanqwa aphezulu. 

UTyirha, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight, uya kulomlo emva kokuphumelela imilo elishumi elinanye, wanqumamisa amadoda amabini, wabethwa kathathu, logama uLofranco, oneminyaka engamashumi amabini ananye, ephumelele imilo esibhozo, wanqumamisa amadoda amahlanu, waze wabethwa kumlo omnye. 

ULofranco uzakuzama ukuphumelela apho abakhaya bakhe basePhilippines u-Orrie Silvestre, u-Esneth Domingo, uJaysever Abcede noJoeyCanoy boyisakala khona njengokuba bonke babethwa nguTyirha. 

Kusenjalo, uTyirha wayesendaweni entle kakhulu kwimibutho yamanqindi emine ephambili ehlabathini ngaphambi kokubethqa kwakhe ngummi waseMalawi uGeorge Kandulo e-International Convention Centre (ICC), eMonti, ebutsheni bukaJulayi ngo-2023. 

Ngaphambi kokunqunyanyiswa kumjikelo wesithandathu nguKandulo, uTyirha wayebekwa kwindawo yesithandathu kwiWorld Boxing Council (WBC), kweyeshumi elinambini kwiWorld Boxing Association (WBA), kweyesihlanu kwi-IBF nakweyesixhenxe kwiWorld Boxing Organisation (WBO).

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php