ULwando Mgabi wenza isifungo mhla waphulukana nentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight esikalini wathi uzakusebenza nzima ukuqinisekisa ukuba uyakuphinda ayizuze kwakhona.
Kwaye ngoku uchwayitile njengokuba ezakucela umngeni kuMoyisi Booi e-Orient Theatre, eMonti, ngomhla weshumi elinethoba kuDisemba.
“Into eyeyam mayibuyele kum, kwaye noMoyisi uyayazi ukuba yintshinga yam leya. Noko ngoku sele egqibile ukuhamba ebonisa ngayo lebhanti. Lifikile ixesha lokokuba intshinga ibuyele kumnikazi wayo,” utshilo uMgabi.
UMgabi waseDuncan Village waphulukana nentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight emva kokufeda ukwenza ubunzima obulindelekileyo ngaphambi kokunqumamisa uSechaba Zuma kumjikelo wesihlanu kwiholo yedolophu yase-Estcourt, KwaZulu-Natal, ebutsheni bukaJuni.
Kwelinye icala, uBooi waseMdantsane wayiphumelela lentshinga yoMzantsi Afrika emva kokunqumamisa uNtethelelo Magcaba kumjikelo wesibhozo e-Orient Theatre kwiinyanga ezimbini ezigqithileyo. – Monwabisi Jimlongo