Ngelishwa uKhaya Busakwe kuzakufuneka alinde kude ngulonyaka ozayo ngaphambi kokwenza izilungiso emva kokubethwa kwakhe nguSikiru Shogbesan waseNigeria.
Oku kubangelwa kukuba umlo kaBusakwe, obuzakuba ngowokukhusela intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi lwelightweight kuMbuyiseli Ndukwana waseKnysna, eMzantsi Koloni, uye wachithwa.
Lomlo ubuzakubanjelwa eVW Pavilion, eKariega, eMpuma Koloni, ngoLwesihlanu. Lomlo uye wachithwa emva kokuba usomaqhuzu weNyusa Productions uMbulelo Mfama efedile ukufaka imali yokuhlawula iimbethi-manqindi.
“Siziqeqeshe nzima silungiselela lomlo. Besisele sibenzile ubunzima, ngoku kuvela le. Imbi lento, kodwa ke akukho nto anokuyenza umntu,” utshilo uBusakwe.
UBusakwe wagqibela ukukhusela intshinga yakhe yoMzantsi Afrika newayiphumelela ngethuba ebetha uLusanda Komanisi e-Orient Theatre, eMonti, ngoMatshi 2023, mhla wayenqumamisa uSinethemba Blom kumjikelo weshumi eMidrand ngoSeptemba kulonyaka ophelileyo.
UBusakwe, oyinzalelwane yaseCentral Western Jabavu, eSoweto, wabalixhoba lesigqibo esibi nesakhokelela ekubeni abethwe nguShogbesan eKagiso, eKrugersdorp, kwiinyanga ezine ezigqithileyo. – Monwabisi Jimlongo