Njengokuba kulindeleke lukhulu kuye kulonyaka, oyintshatsheli ye-International Boxing Federation (IBF) Intercontinental neyoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight uSiseko Teyisi ukwiphulo lokuzingela umntu ozakuba ngumqeqeshi wakhe omtsha.
UTeyisi uzibone sele engenamqeqeshi emva kokushiya kwakhe kwiXaba Promotions. Ngaphambili, uTeyisi ebeqeqeshwa nguMnyamezeli ‘Fire’ Shosha.
“Asikasithabathi isigqibo malunga nalapho aya khona uSiseko. Asingxamelanga nto. Sisezakuthabatha isigqibo malunga nokokuba izakuba ngubani na umqeqeshi wakhe omtsha,” utshilo uBongani Bozo, ongumlawuli kaTeyisi.
UTeyisi uyiphumelele yolithoba imilo yakhe, enqumamise amadoda asixhenxe. Wanqumamisa u-Athenkosi Thongwana kumjikelo weshumi elinambini kumlo wabo owawuse-Orient Theatre, eMonti, kulenyanga ephelileyo.
Elinxele elazalelwa eMdantsane nelineminyaka engamashumi amabini ananye libekwa kwindawo yeshumi kuluhlu lwe-IBF olukudidi lwejunior-flyweight. – Monwabisi Jimlongo