I-Orlando Pirates iqinisekisile emva kwemini ngoMvulo ukuba ifolosi uTshegofatso Mabasa ulishiyile eliqela wayokuzimanya neqela laseCape Winelands iStellenbosch FC ngemboleko kude kuphele lesizini.
UMabasa, oneminyaka engamashumi amabini anethoba, owayedlalela iSwallows FC neBloemfontein Celtic, akakhange alifumane ithuba lokudlala ukususela mhla u-Abdeslam Ouaddou waxhuzula intambo zokuqeqesha iPirates kulesizini.
“I-Orlando Pirates Football Club iqinisekisa ukuba ifolosi uTshegofatso Mabasa ufudukele kwiStellenbosch FC,” itshilo iPirates ngoMvulo.
UMabasa ushiye iPirates efake amanqaku angamashumi amahlanu kwimidlalo elikhulu elinamashumi amane ananye. UMabasa usele nje ngamanqaku asibhozo ukuze abe ufake amanqaku alinganayo nawafakwa nguBenedict Vilakazi.