Kanye nje emva kokubuyela ekuziqeqesheni emveni kokuchacha kumonzakalo, imbethi-manqindi yaseZimbabwe uBeaven Sibanda ufumene ezona ndaba zimnandi kulonyaka, ezokunikwa ithuba lokulwela intshinga yehlabathi.
USibanda, owonzakala ngethuba wayelungiselela umlo wakhe noJoey Canoy kulonyaka ophelileyo, uzakucela umngeni kwintshatsheli ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi lweminimuweight uPedro Taduran wasePhilippines ngoMgqibelo umhla wesine ku-Epreli.
Ngokokutsho kweGolden Gloves, umqondisi wayo uRodney Berman ucwangcise ukuba abenentlanganiso nabaphathi bakaSibanda ngoLwesibini.
UTaduran uzakube ekhusela intshinga yakhe isihlandlo sesithathu ukususela mhla wayihlutha kummi waseJapan uGinjiro Shigeoka ngoJulayi 2024. Elityendyana nelineminyaka engamashumi amabini anethoba lakhusela lentshinga okokuqala ngempumelelo libetha uShigeoka ngoJulayi kulonyaka ophelileyo, laze laphinda labetha uChristian Balunan ngo-Okthobha.
Kusenjalo, uSibanda, oyinzalelwane yaseHarare, waphumelela intshinga ye-IBF International kudidi lweminimumweight emva kokunqumamisa uRichard Garde wasePhilippines kumjikelo wesihlanu ngoJulayi nyakenye.
USibanda ubekwa kwindawo yesine kuluhlu lweWorld Boxing Council (WBC), kweyesixhenxe kumanqwanqwa e-IBF nakweyeshumi elinambini kwiWorld Boxing Organisation (WBO). USibanda, oneminyaka, engamashumi amabini anesine, uphumelele imilo elithoba, wanqumamisa amadoda amathathu, waze wabethwa kumlo omnye.