Kwenziwe imbali e-Orlando East, eSoweto, ngethuba elinye lamabala adumileyo nelithandwayo eMzantsi Afrika, i-Orlando Stadium, iguqulwe igama yaba yi-Orlando Amstel Arena emva kokutyikitywa kwesivumelwano seminyaka emihlanu emva kwemini ngoLwesibini.
Esisivumelwano siqinisekiswe yiPirates, iStadium Management South Africa (SMSA) ne-Amstel. Nangona nje liguquliwe igama lelibala, lona lisezakuhlala lilomasipala waseRhawutini, kwaye lizakuqhubela phambili lilawulwa yiSMSA.
Okunikisa umdla kukuba esisivumelwano sityikitywe kanye ngomhla apho usihlalo wePirates nePremier Soccer League (PSL) u-Irvin Khoza abhiyozela ngawo ukufinca iminyaka engamashumi asixhenxe anesibhozo.