Intshatsheli yoMzantsi Afrika kwicandelo labasetyhini kudidi lwejunior-lightweight nengekabethwa, uBernice ‘The Badger’ Ferreira, ubelilungu elitsha leNO DOUBT Management kusasa ngoMvulo.
Ngaphambili, uFerreira ebephethwe sisandla sikaColleen McAusland nesivumelwano sabo sizakuphelelwa ngomhla wamashumi amabini kuMatshi. Ngoku uColin ‘Nomakanjani’ Nathan ngumlawuli wakhe omtsha.
“Ndizakubayintshatsheli yehlabathi. Ndiziva ngathi ndingena kwelinye inqanaba emanqindini. Sekulithuba ndicinga ngokuzimanya neNO DOUBT Management, kwaye ngoku sele ndisenzile isigqibo,” utshilo uFerreira.
UFerreira, oyiphumelele yolithoba imilo yakhe, emine eyiphumelele ngokunqumamisa oosisi abane, uhluthe intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kuNozipho Bell eSilver Lakes Farm, ePitoli, ngoNovemba kulonyaka ophelileyo.
Umqeqeshi kaFerreira, u-Arafaat Kock, osaze ngobuso elizweni, uthethe wathi: “UBernice usebenza nzima kakhulu, kwaye uzimisele kakhulu njengembethi-manqindi, usoloko ezinikezele ekuziqeqesheni nakwimilo yakhe.”
Kusenjalo, kuvezwe ukuba uFerreira uzakulwela intshinga yehlabathi eWild Coast Casino, eMzamba, eBizana, ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesihlanu ku-Epreli.