Umqeqeshi wamanqindi uKhangelani Jack kunye nembethi-manqindi yakhe uSiphamandla Baleni bazive bekhululekile emva kokuthi cakatha e-OR Tambo International Airport, eKempton Park, kusasa ngoLwesine.
UJack noBaleni banesizathu esivakalayo sokukhululeka ngokubuyela kwabo eMzantsi Afrika njengokuba bebevaleleke e-Asia ukususela kuleveki ephelileyo.
UJack, ongumqeqeshi ophume izandla, kunye noBaleni bebevaleke e-Asia ukususela emva komlo nommi wasePhilippines uRegie Suganob kwelasePhilippines phantse kwiiveki ezimbini ezigqithileyo.
“Sifikile e-OR Tambo International Airport,” utshilo uJack, owaphumelela iwonga le-2023 Trainer of the Year.
Ekuqaleni, kwakufanele ukuba uJack noBaleni bafulathela iPhilippines besingisa eDoha kwelaseQatar ngeCawa yeveki ephelileyo, kodwa baye bavaleleka eManila ngenxa yokokuba zazingahambi iinqwelo-moya kumazwe amaninzi ase-Asia.
Iinqwelo-moya zathi nqumama ukuntinga emva kokuba iMelika noSirayeli bahlasela, beqhushumbisa i-Iran ngeziqhushumbisi, nto ke leyo eyaphazamisa uhambo lukaJack noBaleni.
Ngelingeni, baye bakwazi ukufulathela iManila besingise eSingapore ngoMgqibelo weveki ephelileyo. Ngelishwa, abazange baqhubele phambili nohambo lwabo emva kokushiywa ziinqwelo-moya ezazisiya eMalaysia naseTopiya.
ISebe leZemidlalo, uBoxing South Africa (BSA), indlu yozakuzo yoMzantsi Afrika eSingapore kunye nomthelekisi wasePhilippines uFloriezyl Podot wePMI Bohol Boxing Promotions badlale indima enkulu ekuqinisekiseni ukuba uJack noBaleni babuyele ekhaya bekhuselekile.
Kusenjalo, uJack waseMdantsane noBaleni, oyinzalelwane yaseMthatha, bazakuqhubela phambili nohambo lwabo njengokuba bezakusingisa KuGompo City emva kwemini ngoLwesine. – Monwabisi Jimlongo