Nangona engakhange aziqeqeshe nomqeqeshi wakhe uKhangelani Jack isithuba esingaphaya kweeveki ezimbini, umlawuli kaSiseko Teyisi, uBongani Bozo, uthi asemendweni amalungiselelo alembethi-lamanqindi njengokuba ilungiselela ukulwa nommi wasePhilippines uNeel ‘No Fear’ Jacamos ngoMeyi.
UTeyisi uzakuvana amandla noJacamos kumlo wakhe wokuqala ngaphantsi kweGround Up Sports Promotions xa besilwelwa intshinga yeWorld Boxing Council (WBC) Youth kudidi lwejunior-flyweight ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesithathu kuMeyi. Lomlo bekufanele ukuba ubanjelwa eJan Smuts Stadium, KuGompo City, kuloMgqibelo ozayo.
“Besinxibelelana noJack ngalo lonke elaxesha ebengekho kweli. Unesekela lakhe, lilo ebelimaxhaphetshu, libila lisoma. Eliyinene lelokokuba uSiseko ebesele ekwimeko entle kakhulu kwa engekemki uJack ukuya kwelasePhilippines. Besizakuwulungela umlo nokokuba ubukuleveki,” utshilo uBozo.
Ngaphambi kokubuyela ekhaya ngoLwesine weveki ephelileyo, uJack nembethi-manqindi yakhe uSiphamandla Baleni bazibona bevaleleke e-Asia ukususela mhla uBaleni wabethwa kumjikelo wesibhozo ngummi wasePhilippines uRegie Suganob kulenyanga ephelileyo. Abazange bakwazi ukubuyela ekhaya ngethuba kuba zazingahambi iinqwelo-moya ngenxa yohlaselo lweMelika noSirayeli kwi-Iran.
UTeyisi, oyinzalelwane yaseMdantsane noyiphumelele yolithoba imilo yakhe, enqumamise amadoda asixhenxe, ugqibele ukulwa ngethuba wayenqumamisa u-Athenkosi Thongwana kumlo wentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight e-Orient Theatre, KuGompo City, ngoDisemba walonyaka ophelileyo.
Kwelinye icala, uJacamos, ongumhlali waseGeneral Santos City kwelasePhilippines, uyiphumelele yosixhenxe imilo yakhe, enqumamise indoda enye. Ubethe umkhaya wakhe uKurt John Pabular kumlo wakhe wokugqibela ngo-Agasti nyakenye. – Monwabisi Jimlongo