Emva kokwamkela injinga yehlabathi uMelvin Jerusalem eMzantsi Afrika ngoLwesithathu, umqeqeshi wamanqindi uManny Fernandes uvumile ukuba uzakubanzima umlo walenzalelwane yasePhilippines noSiyakholwa Kuse.
UJerusalem, oneminyaka engamashumi amathathu anesibini, useMzantsi Afrika ezokukhusela intshinga yakhe yeWorld Boxing Council (WBC) kudidi lweminimumweight kumlo noKuse e-Emperors Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, ngoMgqibelo umhla weshumi elinesithandathu kuMeyi.
“Ngokucacileyo, bafike ngethuba kuba befuna ukuziqhelanisa neemeko zemozulu yeli. Izakuba ngumlo omkhulu nonzima, siyayazi lonto. Siwulungele lomlo, kwaye sizakulwa kubegoso okwaphukayo. USiya uwulungele umlo,” utshilo uFernandes.
Lo ngumlo oyimpinda emva kokuba uJerusalem wabetha uKuse ngamanqaku eManila kwelasePhilippines ngo-Okthobha kulonyaka ophelileyo. Bobathathu abagwebi – uSamantha Bulner wase-Australia (115-113), uJun Bae Lim waseKorea Republic (116-112) noZanashir Taznaa waseMongolia (116-112) – banqwala besithi uJerusalem uphumelele.
UJerusalem uzakulinga ukuyikhusela ngempumelelo isihlandlo sesine intshinga yakhe ukususela mhla wayiphumelela ngokubetha ummi waseJapan uYudai Shigeoka ngoMatshi 2024. Wayikhusela ngempumelelo kuLuis Castillo waseMexico, uShigeoka noKuse. – Monwabisi Jimlongo