IBafana Bafana idlale ngendlela encomekayo kakhulu ngethuba itywatyusha i-Eritrea ngamanqaku amahlanu kwimbande yesikhova, kumdlalo wemfezeko wendebe yamazwe ngamazwe ase-Afrika e-Al Salam Stadium, eCairo, kwelaseYiphutha, ngokuhlwa kwangoLwesithathu.

Emva kokuba umqeqeshi uPitso Mosimane eye wanyanzeleka ukuba enze utshintsho, efaka uBrooklyn Poggenpoel endaweni kaBathusi Aubaas owonzakele ngomzuzu weshumi elinambini, uRelebohile Mofokeng ufake inqaku lokuqala kwibhola ebisuka kowayengugxa wakhe kwi-Orlando Pirates, u-Oswin Appollis, kumzuzu wamashumi amabini.

UMofokeng, odlalela iRoyale Union Saint-Gilloise kwiBelgian Pro League, ufake inqaku lakhe lesibini emva kokufumana ibhola ebivela kuSamukele Kabini xa kanye usompempe ebelungiselela ukuvuthela impempe yakhe, ephelisa isiqingatha sokuqala. 

Kwimizuzu nje esixhenxe siqalile isiqingatha sesibini, uSphephelo Sithole ufake inqaku lesithathu leBafana, waze u-Iqraam Rayners wafaka elesine kwibhola ebisuka ku-Appollis kumzuzu wamashumi amathandathu anesithathu. ULuther Singh uye wabethelela isikhonkwane sokugqibela kumkhumbi we-Eritrea ngexesha ebefaka inqaku lesihlanu leBafana kwixesha elongezwe ngusompempe.

Lo, ibingumdlalo wesibini ngokulandelelana iBafana iwuphumelela njengokuba ibethe iGuinea ngamanqaku amabini kwelinye e-Orlando Amstel Arena, eSoweto, ngoMgqibelo kuleveki ephelileyo.  

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php