Iqela loMzantsi Afrika lamakhwenkwe aneminyaka engaphantsi kwamashumi amabini anesithathu lidlale kakuhle kakhulu kwisiqingatha sesibini ngethuba liquthisa i-Algeria ngamanqaku amathathu kwelinye kumdlalo wobuhlobo eDr Petrus Rantlai Molemela Stadium, eMangaung, emva kwemini ngoLwesine.
I-Algeria iphale phambili emva kokuba ifolosi neyinzalelwane yaseSpain, uYanis Senhadji Chikhaoui, ibethe unozinti woMzantsi Afrika, uFletcher Smythe-Lowe, kumzuzu nje ngaphambi kokuhlaba ikhefu.
Amakhwenkwe aseMzantsi Afrika asiqale kakuhle kakhulu isiqingatha sesibini njengokuba engcangcazelise umnatha kabini kwisithuba nje semizuzu emithandathu. UQuwan Plaatjies ufake inqaku lokulinganisa kwimizuzu emine siqalile isiqingatha sesibini, waze uNhlanhla Gasa wafaka elesibini ngomzuzu wamashumi amahlanu anesihlanu.
UFaiz Abrahams, odlalela iKaizer Chiefs, uqinisekise ukuba i-Algeria iyaquthiswa njengokuba efake inqaku lesithathu lamakhwenkwe oMzantsi Afrika kumzuzu wamashumi asixhenxe anesibini.
Kusenjalo, lamaqela mabini azakuphinda angquzulane kumdlalo wobuhlobo wesibini kwakwelibala laseMangaung ngentsimbi yesithandathu emva kwemini ngeCawa.