Bangakhe baphefumle kancinane noko ngoku u-Aphiwe ‘Swagger’ Boyiya nabalawuli bakhe njengokuba ngelingeni umlo wakhe noKutlwano Ogaketse uzakubanjelwa eProtea Hotel Marriott, eGaborone, kwelaseBotswana ngoLwesihlanu.
Emva kokuba lomlo umiswe izihlandlo ezinthathu, ekugqibeleni uBoyiya uzakuvana amandla no-Ogaketse kumlo wentshinga engenamntu kwi-International Boxing Organisation (IBO) Africa kudidi lwejunior-welterweight.
Umlawuli weScud Missile Promotions, uThuso Khubamang, uqinisekisile ukuba uBoyiya nabalawuli bakhe bazakugaleleka eBotswana kuleveki.
“Letumente izakuba ngoLwesihlanu. Kwaye ke abaseMzantsi Afrika bazakufika ngoLwesithathu,” utshilo uKhubamang.
Ephefumla ngokuba kutheni na lento letumente ibisoloko imiswa, uKhubamang uthe: “Akululanga ukwenza itumente ekumila kunje, ingakumbi xa uneenzima zezimali. Imali ngoyena ndoqo owasinyanzela ukuba siyimise itumente ngaphambili. Kodwa ke ndiyavuya njengokuba izakuqhubela phambili nje.”
Ekuqaleni, uBoyiya no-Ogaketse babezakulwa ngo-Epreli, kodwa umlo wabo wajikwa wasiwa ngoMeyi, nalapho wajikwa khona ngomzuzu wokugqibela. Emva koko wabekelwa ukuba ubengoSeptemba, ngaphambi kokumiselwa mhla wumbi.
UBoyiya, owayeyinjinga yoMzantsi Afrika, uzakulwa okokuqala ukususela mhla wabetha uLindokuhle Dlamini ngamanqaku e-Orient Theatre, KuGompo City, ngoNovemba 2024.
Ukungalwi kwalentshatsheli yoMzantsi Afrika yamhlamnene kudidi losiba nolwejunior-lightweight kukhokelele ekubeni iphulukane nendawo yayo kumanqwanqwa eBoxing South Africa (BSA). – Monwabisi Jimlongo