Author: SportAdmin

UPHILANDER YICHILLI BOY

IChippa United ibhengeze ukuba ityikitye umdlali wasephikweni lasekhohlo uGiovanni Philander ngokuhlwa kwangoLwesihlanu. UPhilander udlale kakuhle kakhulu ngethuba iqela laseNtshona Koloni iFN Rangers ibidlala kwimidlalo ye-ABC Motsepe League kazwelonke neyokuzibekela indawo…

USONJICA UBUYELA EQONGENI 

Umthelekisi waseTanzania uSadah Kasonso weKemmon Sports Agency uphumelele kwilinge lakhe lokucenga uThabo Sonjica waseDuncan Village, eMonti, ukuba abuyele eqongeni emva kwiminyaka eliqela wagqibela ukulwa. USonjica, owagqibela ukulwa ngo-2015, uzakulwa nembethi-manqindi…

UJALI UNGUMDLALI OMTSHA KWIICHILLI BOYS

Ngelingeni iChippa United ibhengeze emva kwemini ngoLwesine ukutyikitya kwayo owayesakuba ngumdlali wasesiswini kwiMoroka Swallows neMamelodi Sundowns u-Andile Jali. Esisibhengezo siphawula ukubuyela kukaJali kwiphondo lakhe lokuzalwa emva kokudlalela amaqela aseGauteng. UJali,…

css.php