Category: Boxing

UFOURIE UNQUMAMISE UMAKELENI

Akakhange kakhulu uKaine Fourie njengokuba enqumamise uSiseko Makeleni waseMthatha kumjikelo wokuqala kumlo wabo obuseBox Camp Booysens, eRhawutini, ngokuhlwa kwangoMgqibelo. Ngenxa yaloompumelelo, uFourie, ongekabethwa, uphumelele intshinga ebingenamntu kwi-International Boxing Federation (IBF)…

AYIKHO ITUMENTE KAFAAS 

Ayisekho itumente yamanqindi ebizakwenziwa yiDavid Faas Productions e-OR Tambo Hall, eKhayelitsha, eKapa ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesixhenxe kuJulayi. I-Ink Sport ingadiza ukuba letumente ebinomlo ophambili weWorld Boxing Federation (WBF) Intercontinental…

UDLAMINI NOKAMEDA BAZAKULWA NGO-AGASTI

Ekugqibeleni uMgqibelo umhla wamashumi amabini anasine ku-Agasti lusuku apho impinda yomlo phakathi kommi woMzantsi Afrika uLerato ‘Lights Out’ Dlamini kunye nentshatsheli yehlabathi yamhlamnene uTomoki ‘El Mexicanito’ Kameda waseJapan. UDlamini noKameda…

INPBPA IKHWEBA INTLANGANISO YAMALUNGU AYO 

INational Professional Boxing Promoters Association (NPBPA) ikhwebele onke amalungu ayo kwintlanganiso ezakuqala ngentsimbi yesithandathu ngokuhlwa ngoMvulo kuleveki ezayo. Lentlanganiso ezakubanjwa kuGoogle Meet izakuxoxa phakathi kwezinto indlela ekuvunywa nekukhatywa ngayo imilo,…

css.php