Category: Boxing

UNKOSI ULINDE NGOMONDE 

UNtethelelo Nkosi ulinde ngomonde njengokuba esithi ulindele ukuqinisekiswa komhla azakulwa ngawo noSanele Msimang kumlo wentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight, mlo lowo udibanisa iimbethi-manqindi zaKwaZulu-Natal. Izakuba kokokuqala uNkosi, oqeqeshwa nguDamien Durandt…

NKOSI WAITING PATIENTLY

Ntethelelo Nkosi has adopted a patient approach as he said that he’s waiting for the confirmation of the date of his fight against Sanele Msimang in a South African junior-welterweight…

UBONGCO UVULA NGEMBETHI-MANQINDI YASEZIMBABWE

Kanye nje emva kweentsuku ezimbalwa etyikitye isivumelwano solawulo seminyaka emibini neNO DOUBT Management kaColin ‘Nomakanjani’ Nathan, uSimnikiwe Bongco sele enomlo azakuwulwa no-Ashington Ziwakaya waseZimbabwe. Lembethi-manqindi eneminyaka engamashumi amabini anesibini neqeqeshwa…

OLUNYE UXANDUVA EMAGXENI KATEMPI 

Umlawuli kaBoxing South Africa (BSA) eNtshona Koloni uMzoli Tempi unikwe olunye uxanduva ligunya-bantu elongamele amanqindi kweli. Ngaphandle kokuba liliso kumanqindi aseNtshona Koloni, uTempi, onkaba yakhe yawela eBuffalo City Metro eMpuma…

MORE WORK FOR TEMPI 

Western Cape Boxing South Africa (BSA) provincial manager Mzoli Tempi has been given more responsibility by the regulatory body. Apart from overseeing boxing in the Western Cape, Tempi from the…

AMAXESHA ANZIMA KUBATHELEKISI

Basengxakini abathelekisi abatyala iBoxing South Africa (BSA) izikhuntyu zemali njengokuba ibhodi yeliqumrhu igqibe ekubeni nabani onetyala lemali makahlawule okanye alibale ngokufumana iimpepha zokuthelekisa. Yinto eyaziwayo ukuba abathelekisi abaphambili kweli baphakathi…

UPHUMILE UJACOBS KWANGENA UVABAZA-BOOI 

Imimoya yotshintsho iye yabhudla kwaBoxing South Africa (BSA), kwaye lomimoya iphephethekise umphathi kaBSA eMpuma Koloni uPhakamile Jacobs yamlahlela enkunkumeni. Kwaye ke ngoku kungene uSiya Vabaza-Booi, owayengumgwebi emanqindini, engena endaweni kaJacobs,…

css.php