Monwabisi Jimlongo

Umqeqeshi wamanqindi, uMtuseni Dube, waseDundee kwiphondo laKwaZulu-Natal ujonge ukukhokelela uMxolisi Zuma kwenye impumelelo njengokuba ezakuvana amandla noRamadhani Milonzi waseTanzania ngoMgqibelo. 

UZuma, ophumelele ngokungqengqisa amadoda kuyo yomithandathu imilo yakhe, uzakulwa noMilonzi kwintshinga yeWorld Boxing Federation (WBF) Intercontinental kudidi lwejunior-featherweight kwiholo yedolophu yase-Estcourt. 

“Ndingathi senze kakuhle kakhulu, silungiselela lomlo. Kodwa ke, andifuni ukuthetha kakhulu ngaphandle kokuthi sizokulwa imijikelo elishumi, kwaye sizakuphumelela. Ndingavuya kakhulu ukuba lomlo awufiki kwimijikelo elishumi,” utshilo uDube. 

UZuma, ozinze eDundee, wazalelwa eNanda, eThekwini, waze wakhulela eSikhawini, eMpangeni, apho waqala khona ukudlala amanqindi. UZuma unqumamise uLukholo Dlangalavu kumjikelo wesithandathu kumlo wakhe wokugqibela e-Olive Convention Centre, eThekwini, ngoDisemba.

Kusenjalo, uNkosingiphile Sibisi noTrevor Nghonyama bazakulwela intshinga yoMzantsi Afrika engenamntu kudideli lwempukane kwakuletumente.

Lentshinga yashiyeka ingenamntu emva kokuba uJackson ‘M3’ Chauke waphumelela isithsaba se-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwempukane, ebetha uQuaise Khademi e-United Kingdom kwiinyanga ezimbini ezigqithileyo.  

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php