Uninzi lwabalandeli bamanqindi ebebeseBox Camp, eBooysens, eRhawutini ngeCawa bebevuyela impumelelo kaXolisani ‘Nomeva’ Ndongeni emva kokubetha uCrispin Moliati waseMalawi kumjikelo wokuqala.

Kodwa ke, uninzi lwababathandi bamanqindi bebengayazi ukuba uNdongeni ungene eqongeni enentliziyo ebuhlungu emva kokubulawa kukamalume wakhe emva ekhaya KwaBhaca, eMpuma Koloni.

“Ndibhiyozela umhla wokuzalwa kwam, ndikwabhiyozela nempumelelo yam. Kodwa ndibuhlungu ngenxa yokubulawa kukamalume wam kuleveki ephelileyo,” utshilo uNdongeni, ofince iminyaka engamashumi amathathu anesine ngoMvulo. 

“Ndizayokungcwaba umalume wam eMpuma Koloni. Emva koko, ndizakubuyela apha eRhawutini. Ndizakuhlala ithutyana ngaphambi kokuntingela eMelika, apho ndizakuqalisa khona ngamalungiselelo omlo wam ozayo.”

Lempumelelo yokubetha uMoliati ifke emva kokuba uNdongeni, owayeyinjinga ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwelightweight, ebesele ebethwe izihlandlo ezintathu. UNdongeni wayebethwe ngu-Ernesto Mercado, u-Arnold Barboza Junior noRaymond Muratalla. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php