Ukufeda kumalinge okuzama ukufumana umlo kukhokelele ekubeni inzalelwane yaseMdantsane uNhlanhla ‘Mount Kilimanjaro’ Tyirha athabathe isigqibo sokuwafulathela amanqindi.

UTyirha akakalwi kususela mhla ngamini wothuswa ngummi waseMalawi uGeorge Kandulo emnqumamisa kumjikelo wesibhozo e-International Convention Centre (ICC), eMonti, ngoJulayi kulonyaka ophelileyo.

Ebhala kuFacebook, uTyirha uthe: “Ayaphi na amanqindi am? Ngumbuzo endisoloko ndizibuza yena qho ndivuka ndinxiba ikit ndisiya ejimimi. Ndizame konke okusemandleni am ukulungisa ubomi bam. Kodwa kuyo yonke lonto ndehla ndisenyuka qha ndithi ndilapha, ndibe lapha, andazi kwenzeka ntoni ngobomi bam.

“Ndiva kabuhlungu kakhulu kuba ndazama ubonisana nabantu ngam, kodwa ndibone ukuba akhomntu ufuna uthatha irisk ngobomi bam ukundinceda. Ngoku ke ndibeka phantsi, ndincamile, ndincame nyhani. Ndiyaziqeqesha, imilo iza ngomlomo. Ndizogqiba unyaka ngoku koko ndijima, kodwa ubomi bam buya bubamandundu kunakuqala, kwaye andikwazi ukuphinda uhlala iminyaka emibini ndingalwi.”

UTyirha ubesoloko etshintshatshintsha iindawo zokuziqeqesha njengokuba eqale unyaka ngaphantsi kwesandla sikaKhangelani Jack. Wemka wayokuqeqeshwa nguPhumzile Matyhila eRhawutini.

Wemka kuMatyhila wayokuqeqeshwa nguVusi Mtolo ngaphambi kokubuyela ekhayeni lakhe eMdantsane. Wahamba wayokuqeqeshwa nguBaba ‘Babes’ Makala KwaNojoli, kodwa akakhange ahlale xesha lide nalapho.

“Into endiyifunayo kukubuyela eqongeni. Kodwa ndiyabona ukuba kuzakubanzima ukwenza lonto ngohlobo ekwenzeka ngalo. Kuthi kuzama ukuba kuhle, kuphinde kubekho izinto ndisuke ndingayazi noba yeyiphi na into entle kum nengekho ntle kum,” utshilo uTyirha.

“Kodwa ngoku ingathi ndabona ukuba andincedakali konkekonke. Ngoku ke, ndigqibe kwelokokuba ndikhe ndiyeke kude kubengunyaka ozayo. Mhlawumbi kulapho abantu bazakundiqaphelisisa kakuhle. 

“Kungenjalo, bendihleli ndijongile ukuba mhlawumbi ubomi bam bunje ngenxa yomlo wam wokugqibela. Ndanyamezela ukuba ndifumane umlo ozakubuyisa isidima sam kwimpazamo eyayenzeke kulonyaka ophelileyo. Kodwa ndabona ukuba kukhona nokuxakwa kwimaneja endiphetheyo. Ndazama uthetha nayo, ndihlale phantsi nayo, kodwa ndabona ukuba yona inezinto ezibekayo ezivakalayo, kodwa ezingabuncedisiyo ubomi bam. Kwasuka kwakubi kunakuqala. Ngoku ke andizazi nokuba ndindawoni, ndiyaphi, yiyo lonto ndisithi makhe ndihlale phantsi mhlawumbi ndizakubuya ndingcono kulonyaka ozayo. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php