Indlela uSivenathi ‘Special One’ Nontshinga awunqwenela ngayo umlo weentshinga ezininzi kunye noKenshiro ‘The Amazing’ Teraji waseJapan kwenza into enengqondo, ingakumbi xa ucinga ukuba umlo wakhe noChristian ‘The Bomb’ Araneta uyakuthabatha ixesha elide ngaphambi kokuba ubekhona.

U-Araneta nguye owayenikwe igunya lokucela umngeni kwintshinga kaNontshinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-flyweight. Kodwa, umlo noNontshinga awukazokubakho ngenxa yokonzakala kuka-Araneta. 

Elinxele lasePhilippines lonzakele kwingalo yasekhohlo, umonzakalo lowo ubukade ufihlwa. Oku kuvele emva kokubonakala kwemifanekiso yomonzakalo ka-Araneta.

“Ayikho into endinokuyithetha ngo-Araneta. Kodwa, imifanekiso ibonisa ukuba ebenziwe uqhaqho,” utshilo uColin ‘Nomakanjani’ Nathan, ongumqeqeshi kaNontshinga. 

I-InkSport izamile ukuthetha noJulius Erving Junco, ongumqeqeshi ka-Araneta, kwilinge lokufumana iinkcukacha ezithe vetshe ngokonzakala kwalembethi-manqindi eneminyaka engamashumi amabini anethoba. Ngelishwa, uJunco akakayiphenduli imiyalezo ethunyelwe kuye. 

Kanye nje emva kokuba uNontshinga ephinde wayiphumelela intshinga ye-IBF enqumamisa u-Adrian Curiel Dominguez waseMexico kumjikelo weshumi e-Oaxaca, eMexico, phantse kwiinyanga ezintathu ezigqithileyo, inkampu ka-Araneta yalibeka lacaca elokokuba ifuna umlo yona. 

UNontshinga, oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu, wabetha u-Araneta ngamanqaku eBoardwalk Casino, eGqeberha, ngo-Epreli 2021. – Monwabisi Jimlongo

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php