Emva kokukhokelela imbethi-manqindi yakhe uVusumuzi Ngcamu kuloyiso ngethuba esilwela intshinga yaseGauteng kudidi lwejunior-featherweight noBheki Maitse ngeCawa, umqeqeshi u-Alan Toweel ufuna uBongani Mahlangu ngoku. 

UMahlangu, oyinzalelwabe yaseBoipatong nokwayinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight, nguyise kaMaitse, kwaye uToweel ufuna uNgcamu abethe uyise nonyana. 

“Ibingumlo omhle kakhulu, unzima nokuba nzima. Inkwenkwe yam iphumelele kakuhle, ngokucacileyo. Ngoku sifuna ukohlwaya uyise ngenxa yokokuba evumele unyana wakhe ukuba alwe nathi. Sifuna uyise ngoku, uVusi ufanelekile ukuba ayilwele intshinga yoMzantsi Afrika,” utshilo uToweel. 

UNgcamu, obebekwa kwindawo yesihlanu ngoMatshi, uqhumfuze iqanda lokungabethwa kukaMaitse kwimilo yakhe emihlanu.

Kusenjalo, uMahlangu okokoko eyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight ukususela mhla ngamini wayenqumamisa u-Ayabonga Sonjica kumjikelo wesithandathu eMonti ngoJulayi 2022. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php