Owayeyinjinga yoMzantsi Afrika uSabelo ‘Zwai’ Ngebiyana ufake isicelo sokulwa ngamaphepha kaBoxing South Africa (BSA) emva kokunikela umva lombutho olawula amanqindi nelizwe lakhe kunyaka-mali ka-2023/24.  

Engonwabanga ngenxa yezinto ezasisenzeka kwaBSA ngoko, lo owayesakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight wayokuthabatha amaphepha okulwa kwilizwe laseTanzania.

“Ndisifakile isicelo samaphepha okulwa kuBSA. Noko ngoku izinto ziguqukile. Ndifuna ukuba namaphepha alapha ekhaya, hayi awaseTanzania,” utshilo uNgebiyana.  

Lenzalelwane yakuKomani eMpuma Koloni yagqibela ukulwa eMzantsi Afrika phantse kwisithuba seminyaka emibini. Umlo wakhe wokugqibela eMzantsi Afrika kungamini apho wayebetha uMzuvukile ‘Old Bones’ Magwaca kwimijikelo esibhozo eGalleria, eSandton, eRhawutini ngoJulayi 2022. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php