Ubuncinane balishumi elinesine abagqatswa abajonge izikhundla ezisixhenxe kwibhodi kaBoxing South Africa (BSA) ezakubhengezwa nguMphathiswa weZemidlalo uZizi Kodwa ngoLwesibini kuleveki ezayo.

Amagama ababagqatswa abalishumi elinesine abhengezwe kusasa ngoLwesihlanu emva kwentlanganiso yezintlu ezahlukeneyo zabachaphazelekayo, uKodwa nesekela lakhe uNocawe Mafu.  

Abachaphazelekayo banikwe kude kubengoMvulo weveki ezayo ukuze baphose amazwi malunga nababagqatswa abaquka uJosh Cloete, u-Advocate Khatiga Mohamed Roshan, uGqirha Koketjo Biggy Tsebe, u-Aleck Skhosana, uMkhumbuzi Biko, uTseleng Mary Maphike, uGilberto Pereira Martins, uTshabedi Richard Serote, uSifiso Shongwe, uLuxolo September, uSakhiwe Sodo, uNande Mheshe, uRomy Titus noGqirha Luvuyo Bayeni.

UShongwe, uSeptember, uMheshe, uTitus noSodo babengamalungu ebhodi eyathintelwa enkundleni yiNational Professional Boxing Promoters Association (NPBPA) ngoDisemba wonyaka ophelileyo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php