Emva kokubuyisela isidima sakhe ngokuphumelela umlo wakhe noSechaba Zuma kumjikelo wesihlanu, uLwando Mgabi ugxininise ngelithi yena uzakuqhubela phambili nokulwa kudidi lwejunior-bantamweight.

UMgabi uye kumlo noZuma sele ephulukene nentshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight emva kokoyisakala ukwenza ubunzima obuqingqiweyo ngethuba ekhwela esikalini ngoLwesihlanu, usuku nje ngaphambi kokulwa kwiholo yedolophu yase-Estcourt, KwaZulu-Natal.

Ngethuba lo mlo, uMgabi, oyinzalelwane yaseDuncan Village, eMonti, uwise uZuma kabini kumjikelo wesibini nowesine. Usompempe u-Eric Khoza uye wanyanzeleka ukuba awuphelise umlo kwimizuzu emibini nemizuzwana engamashumi amahlanu anesithandathu kumjikelo wesihlanu.

“Ndizakuhlala apha kudidi lwejunior-bantamweight. Injongo yam enkulu kukubuyisa intshinga yam. Yintshinga yam leya, kwaye akukho mntu ozakuyithabatha. Ndizakulwa nembethi-manqindi ekwindawo yesibini, ndiyiphumelele kwakhona intshinga yam emva koko,” utshilo uMgabi.

Ephefumla ngokufeda kwakhe ukwenza ubunzima obuqingqiweyo, uMgabi uthe: “Bendingenayo ingxaki ukumka kwam eKapa. Ubunzima bam bebuziikhilogrem ezingamashumi amahlanu anesibini, ndaza ndenza ubunzima obungaphaya kwamashumi amahlanu anesithathu eekhilogrem ngethuba sikhwela esikalini. Sizame kangangoko sinakho ukubehlisa, kodwa soyisakala. Uninzi lweembethi-manqindi azikhange zibenze ubunzima, kwaye ndikrokrela ukuba isikali besinengxaki.”

Emveni kokunqumamisa uZuma, uMgabi uphucule irekhodi lakhe layokutsho kwimpumelelo yemilo esibhozo, enqumamise amadoda amathathu. Ukanti, uZuma uphumelele imilo emine, wabethwa kwemithathu, waze walwa ngokulingana komnye. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php