Kuzakufuneka kubekho izinto azincamayo uLerato ‘Lights Out’ Dlamini, abukele abanye abantu besidla ooni nooni ngethuba bezonwabisa ngoDisemba.

UDlamini akazokubanalo ithuba lokonwaba kuba uzakube emaxhaphetshu elungiselela umlo wakhe nommi waseMelika u-Angelo Leo ebutsheni bonyaka ozayo.

Lenzalelwane yaseWelkom, eFreystata, izakucela umngeni kwintshatsheli ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi losiba kwelaseMelika ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini ananye kuFebruwari kulonyaka ozayo (ngeCawa umhla wamashumi amabini anesibini kuFebruwari, ngokwexesha loMzantsi Afrika). 

“Ndiziva ndichwayite kakhulu. Le yinto ekukudala ndiyisebenzela. Emva kweminyaka elishumi njengembethi-manqindi ehlawulwayo, ngelingeni ndide ndalifumana ithuba lokulwela intshinga yehlabathi yoqobo. Ndiwulungele lomlo. Ndineenyanga nje ezingaphantsi kwezine ngaphambi kokuba ndibeyintshatsheli yehlabathi,” utshilo uDlamini.

UColin Nathan, ongumlawuli kaDlamini nokwangumqondisi kwiNO DOUBT Management, uthe lomlo uwuzanyelwe ngumhlobo wakhe omdala uSampson Lewkowicz weSampson Boxing Promotions.

“Mna noSampson sisuka kude, kwaye wathi akunditsalela umnxeba ebuza ukuba sikulungele na ukulwa noLeo, ndathi ewe sikulungele,” utshilo uNathan.

ULeo, oneminyaka engamashumi amathathu ananye, uyikhusele kanye intshinga yakhe ngethuba wayebetha ummi waseJapan uTomoki Kameda e-Intex, e-Osaka, kwelaseJapan ngoMeyi. 

ULeo, owayeyinjinga yeWorld Boxing Organisation (WBO) kudidi lwejunior-featherweight, waphumelela intshinga ye-IBF ngethuba wayenqumamisa uLuis Alberto Lopez kumjikelo weshumi ngo-Agasti nyakenye.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php