Isigqeba soluleko seFIFA sisichithile isibheno seSouth African Football Association (SAFA) ngasekumisweni komdlali wasesiswini kwiBafana Bafana, uThemba Zwane, omiswe imidlalo emithathu.
UZwane wamiswa imidlalo emithathu emva kokufumana ikhadi elibomvu kumdlalo wokuvula iNdebe yeHlabathi ka-2026 neMexico kuleveki ephelileyo.
“Sidanile ziziphumo zesibheno sethu kuba sikholelwa ukuba siqatha kakhulu isohlwayo sikaThemba,” iphefumle yatsho iSAFA.
Oku kuthetha ukuba uZwane uzakuphoswa ngumdlalo womjikelo olandelayo neCanada eLos Angeles kwelaseMelika ngokuhlwa kwangeCawa, ngokwexesha loMzantsi Afrika.
Iindaba ezimnandi zezokokuba umdlali wasesiswini, uTeboho Mokoena, uzakubakhona xa kudlalwa neCanada emva kokuphoswa ngoweKorea Republic ngoLwesine ngenxa yamakhadi amabini.