IStellenbosch FC ibhengezile kusasa ngoLwesibini ukuba iluqinisile udonga lwayo lwasemva emva kokutyikitya uThabiso Lebitso evela kwi-Orlando Pirates.

ULebitso uchithe ezisizini zimbini zigqithileyo edlalela iPirates, apho wayinceda ukuba iphumelele intshinga yeBetway Premiership, eyeCarling Knockout nezeMTN8 ezimbini.

“Sanelisekile ukwamkela uThabiso kwiCape Winelands. Ungumdlali othe gqolo ngokubonakalisa amandla akhe kudidi oluphezulu lwebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika, kwaye uzisa eqeleni lethu amava adibene nokudlala ngokuzimisela,” utshilo uRob Benadie, oyingqonyela yeStellies.

“Njengeqela, sisoloko sithe gqolo ukuzama ukuziphucula nokukhuphisana kwinqanaba eliphezulu, kwaye ukufika komdlali ofana noThabiso kubonakalisa amaphupha neminqweno yethu.”

Njengokuba ezimanye neStellies nje, uLebitso uzakumanyana noGavin Hunt, owakhe wamqeqesha kwiChippa United.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php