ISekhukhune United ivakalise ukuba isikhulule isihlanu sabadlali – uLesiba Nku, uLebogang Phiri, uRonaldo Maarman, uSphiwe Mahlangu noSamkele Sihlali emva kokuvumelana ukuba ziqhawulwe izivumelwano zengqesho.

“Sibulela umdlali ngamnye ngokuzinikela kwakunye negalelo ababenalo ngethuba beyinxalenye yeliqela, kwaye sibanqwenenelela impumelelo ukubheka phambili,” itshilo iBabina Noko.

UMaarman noMahlangu bebesandula ukubuyela kwiBabina Noko besuka kwiDurban City emva kokukhululwa kwabo ngenxa yokuphela kwesivumelwano semboleko.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php