Izangxa zaseDenmark, iFC Copenhagen, ivakalisile kusasa ngoLwesibini ukuba ityikitye umdlali weBafana Bafana, uThapelo Maseko, evela kwiintshatsheli zase-Afrika, iMamelodi Sundowns, emva kokuhlawula izigidi zeerandi ezingamashumi amabini anesibhozo.

UMaseko, oneminyaka engamashumi amabini anesibini nowakhe wadlalela iSuperSport United ngaphambi kokuzibandakanya neSundowns, utyikitye isivumelwano seminyaka emine neliqela elalidlalelwa nguSibusiso Zuma.

Umqeqeshi weCopenhagen, uBo Svensson, uthethe wathi ngoMaseko: “Sifumene umdlali opheleleyo kuThapelo nowaziyo umsebenzi wakhe. Unamendu nesakhono sokukhuphisana nokuncedisa oogxa bakhe.”

Kusenjalo, uMaseko, obengomnye wabadlali beBafana kwiNdebe yeHlabathi ka-2026, uthethe wathi: “Ndinebhongo neqhayiya ngesisivumelwano. Oku kukuzalisekiswa kwephupha lam. Kum iFC Copenhagen liqela elinendawo ekhethekileyo entliziyweni. Liqela elaziwa kwihlabathi jikelele, kwaye uZuma undixelele izinto ezininzi nezinkulu ngalo, abalandeli nesixeko. Ndikulungele ukuzuza lomava amnandi nam.

“Enyanisweni ndinelunda ngokufumana elithuba, kwaye lindenza ndilambele impumelelo. Ndize apha ukuze ndenze umahluko kweliqela. Ndineminqweno ephakamileyo. Ndizokuphumelela apha, kwaye ndichulumance kakhulu ndifuna ukudlala ngokuzinikela.”

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php