Asaqhubela phambili amalinge okubuyisela uLuyanda ‘Pretty Boy’ Ntwanambe kwinqanaba eliphezulu, malinge lawo aqalwa ngethuba enikela umva iKuGompo City esingise eRhawutini kwiminyaka emibini eyagqithayo. 

Ngoku uNtwanambe, owayeyinjinga yeWorld Boxing Organisation (WBO) Afrika kudidi lwempukane, uzakulwa noZolile Miya kumlo wentshinga yaseGauteng kwiholo iJohn Barreble, eBenoni, ngoLwesihlanu umhla wesithandathu kuNovemba. 

Emva kokungalwi isithuba esingaphaya kweminyaka emine, uNtwanambe wabuyela eqongeni, enqumamisa uRofhiwa Maphupha kumjikelo wesibini ngo-Agasti kulonyaka ophelileyo. Emva koko, wabuyela KuGompo City, apho walwa ngokulingana noLutho Gungutho ngoDisemba nyakenye. 

“Sele sineminyaka emibini ngoku sisebenza kunye, kwaye kulula kakhulu ukusebenza naye. Sisebenzisana kakuhle kakhulu, kwaye uzamkele zonke iindlela zam zokusebenza njengokuba sisazana ngendlela encomekayo,” utshilo umqeqeshi kaNtwanambe, uBernie Pailman.

UNtwanambe, oyinzalelwane yaseDuncan Village, KuGompo City, ubila esoma, esebenza nzima eziqeqesha, kusasa nangokuhlwa.

“Yonke into ihamba kakuhle. Ndiwulungele umlo nangona ndingamazi kakuhle lomntu endizakukwa naye, kodwa ayizokuba yingxaki lonto. Ndinethemba lokokuba naye akazi kakhulu ngam,” utshilo uNtwanambe. 

Kusenjalo, lomlo walenyanga ezayo uzakubona kungquzulana iimbethi-manqindi ezakhe zacela umngeni kwintshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwempukane.

UNtwanambe wabethwa nguJackson Chauke eBoardwalk Casino, eGqeberha, ngo-Epreli 2021, logama uMiya yena wakha phantsi isitya sithe qhu ngethuba wayesilwa noNkosingiphile Sibisi e-Estcourt ngoMatshi kulonyaka ophelileyo. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php