IStellenbosch FC sibonise iMilford FC amaqhek’ezengqele, siyitywatyusha ngamanqaku amathandathu kwelinye kumdlalo womjikelo wesibini weNedbank Cup ePrincess Magogo Stadium KwaMashu, eThekwini, ngokuhlwa kwangoLwesihlanu.
Emva kokuhlasela izihlandlo ngezihlandlo bephosa, ngelingeni iStellies silifakile inqaku ngequza lilaDevin Titus kwibhola ebisuka kuSihle Nduli kwicabanga lasekhohlo ngomzuzu wamashumi amabini.
Ummi wase-Ivory Coast, u-Anicet Oura, ufake inqaku lesibini leStellies ebetha unozinti weMilford uSiphamandla Hleza ngomzuzu wamashumi amathathu anesine.
U-Oura ebesebaleni imizuzu emihlanu ngethuba efaka inqaku emva kokungena endaweni ka-Antonio van Wyk, ophume ngenxa yokonzakala.
IMilford iye yabheka phambili, ihlasela njengokuba ibifuna inqaku, nqaku elo liye lafakwa nguMenzi Chili kwibhola ebisuka kuSiphosethu Ndlabi ngomzuzu omnye ngaphambi kokuhlaba ikhefu.
U-Oura, owayesakudlalela i-ASEC Mimosas e-Ivory Coast, ufake inqaku lakhe lesibini ngebhola ayigobele emnatheni ngexesha elongezwe ngusompempe.
IStellies siye sagxabhagxabhisa ekuqaleni kwesiqingatha sesibini u-Andre de Jong efaka amanqaku amabini ngomzuzu wamashumi amane anesithandathu namashumi amane anesibhozo.
UMervin Boji, ongene njengalela kwisiqingatha sesibini, ufake inqaku lesithandathu leStelllies kwimizuzu emibini ngaphambi kokuphela komdlalo.