Kumlo apho kuzakungquzulana iimbethi-manqindi ezimbini nezisakuphatha intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwanzima, uChris Thompson uzakulinga ukulungisa izinto xa ejamelene noJuan Roux e-Emperor’s Palace, eKempton Park, ngoLwesihlanu.

Izinto azizange zimhambele kakuhle uThompson emveni kokuhlutha kwakhe intshinga yodidi lwanzima kuJoshua Pretorius ngoJuni 2022.  

“Lithuba lakhe lokugqibela eli. Sizakuqhubela phambili nokulwa ukuba siphumelele. Sizakuyeka ukuba sibethiwe. Ilula ngolohlobo lento,” utsho uShannon Strydom, ongumqeqeshi kaThompson.

“Andiboni ukuba singabethwa nguJuan Roux. Nje ngesiphiwo semveli, uChris ufanele ambethe uJuan Roux. Yimijikelo esibhozo, sizakuwulungela umlo.”

Emva kokubetha uPretorius, uThompson waquthiswa nguKeaton Gomes, uBakhodir Jalolov, uSolomon Dacres no-Evgeny Romanov. 

UStrydom uthi uThompson, oneminyaka engamashumi amabini anethoba, waphulukana nemilo yakhe emithathu ngenxa yokokuba wayesilwela phesheya.

“Ngokucacileyo, wathabatha imilo phesheya, kumakhaya abantu awayesilwa nabo. Wenza kakuhle kweminye yaloomilo. Ndandicinga ukuba siwuphumelele lamlo wawuseRussia. Yayininzi imali, umvuzo yayiyimali,” utshilo uStrydom..

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php