Kuzakwenzeka imbali xa imbethi-manqindi yaseMzantsi Afrika nenjinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-flyweight, uSivenathi ‘Special One’ Nontshinga, esilelwa iibhanti ezimbini kwiinyanga ezimbini ezizayo.
UNontshinga uzakulwa nommi wasePuerto Rico, okwayintshatsheli yeWorld Boxing Organisation (WBO) kudidi lwejunior-flyweight, uJonathan ‘Bomba’ Gonzalez, ngoMgqibelo umhla weshumi elinesihlanu kuJuni (NgeCawa umhla weshumi elinesithandathu kuJuni ngokwexesha loMzantsi Afrika) ePuerto Rico.
Ekuqaleni, uNontshinga waseMpuma Koloni, oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu, ebezakukhusela intshinga yakhe kuChristian Araneta wasePhilippines.
“Khumbula ukuba ngokwemithetho ye-IBF, umlo wokumanyanisa iibhanti usoloko ungaphezulu kokunyanzelisa ukuba ukhusele ibhanti yakho,” umqeqeshi kaNontshinga, uColin ‘Nomakanjani’ Nathan, uthele thsuphe i-Ink Sport.
UGonzalez, oneminyaka engamashumi amathathu anesibini, usandula kubetha ngamanqaku umkhaya wakhe uRene Santiago eSan Juan kwelasePuerto Rico kulenyanga ephelileyo, logama uNontshinga wanqumamisa ummi waseMexico u-Adrian Curiel Dominguez e-Oaxaca kwelaseMexico ngoFebruwari.