Owayeyinto ngobunto bayo kudidi lwabangahlawulwayo uSimnikiwe Bongco uthabathe elinye igxathu emanqindini njengokuba ezakulwa kudidi lwabahlawulwayo kulonyaka.

Oku kuqinisekiswe nguBongco nomqeqeshi wakhe uMzamo ‘Chief’ Njekanye emva kwemini ngoLwesibini.

UBongco, oneminyaka engamashumi amabini anesibini, uqokelele iimbasa ezininzi kudidi lwabangahlawulwayo. UBongco uye wadiza ukuba uzakulwa kudidi lwewelterweight ngoku.  

“Lifikile ixesha lokokuba ndingene kudidi lwabahlawulwayo njengokuba bekukudala ndikudidi lwabangahlawulwayo ukususela ngo-2007. Siyandivuyisa esisigqibo endisithabathileyo,” utshilo uBongco. 

“Amanqindi kudidi lwabangahlawulwayo ancedisile ukuguqula unomi bam apha  naphaya. Ngoku ndijonge phambili ekulweni kudidi lwabahlawulwayo. Yonke impumelelo yam kudidi lwabangahlawulwayo iyaziwa, kodwa kufuneka umntu akhumbule ukuba akwelinye inqanaba amanqindi kudidi lwabahlawulwayo.” 

Kusenjalo, uNjekanye uthi kuyamchwayitisa ukwazi ukuba uBongco uzithabathele ngokwakhe esisigqibo, kungekho mntu omlukuhlileyo.

“Uzigqibele ngokwakhe ngaphandle kokufumana impembelelo kwabanye abantu. Ndiyakholelwa ukuba eli lelona xesha lifanelekileyo ukuba angene kudidi lwabahlawulwayo,” utshilo uNjekanye. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php