Emva kokungabethwa kwimidlalo emithandathu, umqeqeshi weSekhukhune United, uLehlohonolo Seema, ubancomile abadlali bakhe njengokuba bebambene ngamanqaku amabini macala neCape Town City ePeter Mokaba Stadium, ePolokwane, ngoLwesibini.
IBabina Noko, ekwindawo yesithathu kumanqwanqwa ePremiership, sele iqokelele amanqaku angamashumi amathathu anesine emva kokuphumelela kalishumi, yabambana izihlandlo ezine, yaze yabethwa kwimidlalo esixhenxe.
“Udumo nozuko lonke maluye kubadlali. Ubungekho lula lomdlalo. Ayisukuba besidlala neCape Town City esuka kwizigaba ezisezantsi. Eli, liqela elilwela ukuya phezulu nakwindawo yesibini,” uvakele esitsho okaSeema.
“Besisazi ukuba izakuba ngumdlalo onzima lo. Sifake amanqaku, kodwa asikhange sikwazi ukuwakhusela. Kodwa ke ezi zizinto ekufuneka sizilungisile.”
IBabina Noko, ezinze ePolokwane, ibethe i-Orlando Pirates ngamanqaku amabini kwelinye kuloMgqibelo ogqithileyo ngaphambi kokudlala neeCitizens ngoLwesibini.
“Ndingakuxelela into yokokuba sidlale imidlalo emibini enzima. Ndiyabasizela abadlali, kwaye ndinqwenela ukwenza iinguqu ezisixhenxe okanye ezintandathu,” utshilo uSeema, owayesakuba ngukapteni weqela lesizwe laseLesotho.