Umqeqeshi obambe ilima kwiChippa United, uThabo September, uziva ekhululekile emva kokuba iiChilli Boys zibethe ooNontsokolo, iCape Town Spurs, ngamanqaku amabini eqandeni kumdlalo weDStv Premiership eNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha, ngoLwesithathu.
IiChilli Boys, eziye kulomdlalo emva kokubethwa kwimidlalo emibini egqithileyo, zifakelwe amanqaku nguSinoxolo Kwayiba noKayden Francis.
“Siyavuya njengokuba siphumelele ekhaya. Ibingumdlalo onzima. Kuye kwafuneka ukuba sizimisele. ICape Town Spurs idlale kakuhle,” uphimisele watsho uSeptember.
Ebekhululeke kakhulu lomfo owayengukapteni weSuperSport United njengokuba iiChilli Boys bezibethwe kwimidlalo emibini zingakhange zifake nenqaku ngaphambi kokudlala nee-Urban Warriors.
“Asikhange sifake nenqaku kwimidlalo yethu emibini yokugqibela. Ukugqibela kwethu ukufaka amanqaku kungalamini sasifake amathathu apha, sifake amabini ngoku. Kumnandi kakhulu ukuphinda sifake amanqaku. Kufuneka sakhele kulonto,” utshilo uSeptember.
Kusenjalo, iiChilli Boys zizakwamkela iKaizer Chiefs eBuffalo City Stadium, eMonti, emva kwemini ngoMgqibelo.