Emva kokukhokelela uLindelani Sibisi kwimpumelelo yomjikelo wokuqala ebetha u-Iddy Kayumba waseTanzania kuloMgqibelo ogqithileyo, umqeqeshi wamanqindi uMtuseni Dube ufuna injinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba uZolisa Batyi akhusele kwimbethi-manqindi yakhe.

UDube uqinisekile, kwaye ukholelwa ukuba uSibisi, oyintshatsheli yeWorld Boxing Federation (WBF) Intercontinental kudidi losiba, angambetha lula uBatyi.

Inzalelwane yaseNxarhuni, uBatyi, wanyanzeleka akhuphe nasemqolo ngaphambi kokunqumamisa umcelimngeni uLucky Hobyane e-Orient Theatre, eMonti, kuleCawa egqithileyo.

“Ayikho indawo anokuzifihla kuyo ngoku. Sifuna ukulwa noBatyi kuba sikholelwa ukuba singambetha. Sikulungele nokuyokumbethela eMpuma Koloni,” uthethe watsho uDube.

USibisi, oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu, uphumelele imilo emithandathu, waze wanqumamisa amadoda amahlanu, ebethwe kabini.

USange Ngoza waseMthatha lelinye lamaxhoba kaSibisi njengokuba wamnqumamisa kumjikelo wesithandathu e-Olive Convention Centre, eThekwini, ngoDisemba wonyaka ophelileyo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php