Umhlali waseLiverpool uMarcel Braithwaite uceba ukophula iintliziyo zabalandeli bamanqindi eMzantsi Afrika ngokubetha intshatsheli yehlabathi uRicardo Malajika ngokuhlwa kwangoLwesihlanu. 

UBraithwaite, oneminyaka engamashumi amabini anethoba, uzakucela umngeni kwintshatsheli ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwejunior-bantamweight uMalajika e-Emperor’s Palace, eKempton Park. 

“Ndiyayazi ukuba uyintshatsheli yehlabathi, kwaye uyimbethi-manqindi ewaziyo umcimbi. Andimoyiki, ndingowaseLiverpool mna. Sinalo icebo lakhe,” utshilo uBraithwaite.  

UBraithwaite, ofike eMzantsi Afrika kuleveki ephelileyo, wongeze wathi: “Kumnandi ukubalapha. Ndihlangene nabantu abanobuntu.”

UMalajika, oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu, uzakulinga ukuyikhusela ngempumelelo okokuqala intshinga awayiphumelela ngokubetha uKevin Luis Munoz wase-Argentina ngoSeptember kulonyaka ophelileyo.

Kusenjalo, umlo ophakathi kwenjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwanzima uKeaton Gomes noShaun Potgieter unika imbethi-manqindi nganye ithuba lokubonisa ukuba ihambele phambili kangakanani na ukususela lamini zazilwe ngayo.

UGomes wanqumamisa uPotgieter kumjikelo wokuqala kumlo owawunemijikelo emithandathu ngoMatshi 2022. Kwaye okokubethwa kulichaphaza elibi kuPotgieter. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php