Umqeqeshi ophume izandla uVusi Mtolo uyayazi into ayilindele kuBrandon Thysse xa esilwa nembethi-manqindi yakhe u-Darrin Rossouw kudidi lwejunior-middleweight e-Emperor’s Palace, eKempton Park, ngokuhlwa kwangoLwesihlanu.

URossouw waseBluewater Bay, eGqeberha, ulwa noThysse kumlo onemijikelo elishumi kwitournament ekuzakulwa kwayo intshatsheli ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwejunior-bantamweight uRicardo Malajika noMarcel Braithwaite wase-United Kingdom.

“Siwulungiselele kakuhle kakhulu lomlo. Awuzokubalula lomlo. Ndiyamazi ukuba womelele kangakanani na uThysse. Ndimbethe kabini, yena wamdibetha kanye. Ndiqinisekile ukuba uzakufuna ukulinganisa,” utshilo uMtolo. 

Ethetha malunga noThysse obekhe wasokola ukubenza ubunzima, uMtolo uthe; “Ndiyibonile lonto leyo. UThysse unomzimba omkhulu. Kodwa ke, ndiyathandabuza ukuba lonto ingamnika ingxaki kulomlo.” 

Kusenjalo, letumente yeGolden Gloves izakuqala ngentsimbi yesithandathu ngokuhlwa. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php